
I-Manyane inikeza ukuphola nolonwabo. Onokukwenza kulendawo yokuhlala ise Pilanesberg kuquka igolufa yabantwana, ibala lokudlala abantwana, ukuhamba kwindawo yentaka, ukuziqhubela okanye uqhutyelwe kwindawo yezilwanya ekufuphi eSun City nendawo yokuhamba. Zininzi ezinye ezifumanekayo onokuthi uzonwabise ngazo ePilanesberg National Park.
Indawo Imanyane Resort inendawo ekhokhelayo onokuthi uhambe kuyo enikeza imfundiso ngendawo esingqungileyo kunye nendawo yokubukela izilwanyana neentaka. Kwakulendawo ungakwazi ukuhahamba phakathi kwendawo yentaka enentlobo zentaka zamandulo ezingapha kwama 80.
Abathandi bentaka bangasingisa ePilanesberg National Park apho kufumaneka khona iintlobo ezingapha kwama 300 ezisezakubonwa. Iindwendwe zase Manyane zingonwabela ukubona izilwanyana ezintlanu kulendawo yezilwanyana ekufuphi eSun City kwi paki ze ubone iintlobo ezininzi zezilwanyana zasendle kunye nemibono emihle engqongileyo kwindawo yenyikima yomhlaba.
Lendawo iPilanesberg ikwindawo yotshintsho phakathikwe Kalahari eyomileyo kunye nemimandla emanzi, eyaziwa njengehlathi. Izilwanyana ezizitho zine ezohlukileyo, iintaka kunye nezityalo zenzeka ngenxa yezindawo.